Udaniyeli 5:13-16 Ibhayibhile (XHO96)

13. Walandwa, kweziwa naye ke uDaniyeli apho kukumkani, owathetha naye wenjenje: “Ngaba unguDaniyeli, omnye wabathinjwa belakwaJuda abeza nobawo ukumkani?

14. Ndivile ke ukuba ungumfo owambathiswe ngomoya woothixo, onengqiqo, nolwazi oluphangaleleyo, nobulumko obubodwa.

15. Izilumko noosiyazi ndibabizile ukuba beze kufunda lo mbhalo, bandichazele nentsingiselo yawo, kodwa boyisiwe.

16. Ndivile ukuba unako ukuchaza intsingiselo yezinto, ukhulule namaqhina. Ukuba ngoku unokundifundela lo mbhalo, undichazele nentsingiselo yawo, ndingakuthi wambu ngomnweba omsobo, uthiwe gatya nomxokelelwana wegolide, umiselwe ube ngowesithathu kubalawuli beli lizwe.”

Udaniyeli 5