47. Wabhekisa kuDaniyeli wathi: “Ngenene uThixo wakho nguThixo woothixo, iNkosi yezikumkani, umtyhili weemfihlakalo, kuba wena ube nako ukuyityhila le mfihlakalo.”
48. Ke kaloku uDaniyeli wathiwa jize ngewonga elingayiwayo, ukumkani wamnika intaphane yezipho ezihle kunene. Wamiswa waba ngumlawuli wesithili saseBhabheli, futhi waba yingqonyela yazo zonke izilumko zalapho.
49. Ngesicelo sikaDaniyeli ke ukumkani wabamisela ooShedreki noMeshaki noAbhednigo baba ziziphathamandla esithilini saseBhabheli; kambe ke yena uDaniyeli waba yingqonyela yakomkhulu.