1. Kunyaka wakhe wesibini elawula ukumkani uNebhukadenezare waba namaphupha awamtsho wakhathazeka, waphuthelwa, akabi nakulala.
2. Ke ngoko wathumela ukuba kubizwe bonke abenzi bemilingo, oosiyazi, izanuse, neengcali zeenkwenkwezi, ukuze beze kumchazela iphupha lakhe. Bakuba befikile ke,
3. ukumkani wenjenje ukuthetha nabo: “Ndikhathazeke gqitha, kuba ndiphuphe iphupha endingalaziyo intsingiselo yalo.”
4. Iingcali zeenkwenkwezi zamphendula ukumkani ngesiAram, zathi: “Bayethe, kumkani! Phila ngonaphakade! Khawuzilawulele iphupha elo izicaka zakho, khon' ukuze zibe nako ukukuchazela into eliyithethayo.”
5. Ke yena ukumkani waziphendula iingcali zeenkwenkwezi wathi: “Nasi isigqibo endifikelele kuso: ukuba ke nina aninako ukundixelela iphupha elo, ngaphezu koko nindichazele nentsingiselo yalo, ndiya kuninqunqa nibe ziziqwenga, nemizi yenu idilizwe ibe yindawo ekuyiwa kuyo ngasese.