8. Uthe ke kum *uNdikhoyo: “Amos, ubona ntoni?” Ndathi: “Ndibona isixhobo sokulungelelanisa.” Yathi iNkosi: “Uyabona, ndiza kubalinganisa ngesixhobo sokulungelelanisa abantu bam amaSirayeli. Ke andiyi kubuya ndijike ndingabohlwayanga.
9. Zonke eziya ndawo ziphakamileyo banqula kuzo abendlu kaIsake ziza kubhanga. Ziza kuba ngamabhodlo zonke izibingelelo zamaSirayeli. Indlu kaJerobhowam ndiza kuyibhangisa ngekrele.”
10. UAmaziya owayengumbingeleli eBhetele wathumela kukumkani uJerobhowam wakwaSirayeli, wathi: “UAmos ukwenzela iyelenqe apha kanye kwaSirayeli. Ilizwe alingekhe liwanyamezele onke amazwi akhe.
11. Kaloku uAmos uthi: ‘UJerobhowam uza kufa likrele, amaSirayeli wona athinjwe afuduswe emke kweli lizwe.’ ”
12. Waza wabhekisa kuAmos uAmaziya, wenjenje: “Hamb' umke, mbonindini! Hamba ubuyele kwilizwe lakwaJuda, uphangele uzuze isonka sakho ngokushumayela apho.
13. Uzungabuye uphinde ushumayele apha eBhetele. Le yindawo yokunqulela ukumkani; esi sisibingelelo sakomkhulu.”
14. Wathi uAmos ukuphendula uAmaziya: “Mna andinguye umshumayeli, ndingenguye noweqela labashumayeli abahlawulwayo. Ndingumfuyi mna, ndaye ndilima amakhiwane.
15. Ndisuswe *nguNdikhoyo koko kufuya. UNdikhoyo uthe kum: ‘Yiya ushumayele kubantu bam amaSirayeli.’
16. Phulaphula ke, ulive ilizwi likaNdikhoyo. Wena uthi: ‘Musa ukushumayela kuwo amaSirayeli, ungathethi lizwi lichaseneyo nendlu kaIsake.’
17. Ke yena uNdikhoyo utsho kuwe ukuthi: ‘Umkakho uza kuhamba ehenyuza esixekweni. Oonyana bakho neentombi zakho baza kufa likrele. Umhlaba wakho uza kwabelwa abanye abantu. Wena uza kufela ezweni elicekisekileyo. Andisathethi ke ngawo amaSirayeli; wona aza kususwa kowawo umhlaba, asiwe ekuthinjweni.’ ”