Uamos 6:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mawoo! Lusizi okwenu, nina bantundini bathe zava eZiyon,nina nizicingelayo ukuba nikhuselekile kwintaba yaseSamariya –nditsho nina, zindwalutho zesizwe,nina kuziwa kuni ngabantu bakwaSirayeli.

2. Khanenjenjeya niye kuvelela iKalene,nidlule apho niye kwesaa sixekokazi iHamati,nihle nibheke eGati isixeko samaFilistiya.Ngaba loo mimandla iyidlula ngantoni eyenu?Ngaba kanene loo mihlaba mikhulu kuneyenu na?

3. Nina niwubekela kude umhla weshwangusha,kanti nisondeza ukulawulwa lugonyamelo.

4. Nithe zukumfa kwiibhedi ezihonjiswe ngamabamba eendlovu,nee ngqendevu kwezo sofa zenu,nisitya eyona nyama ikhethiweyo yegusha nenkomo.

Uamos 6