Kwabasekolose 4:16-18 Ibhayibhile (XHO96)

16. Xa seniyifundile le leta yigqithiseleni kwibandla laseLawodike, ifundwe nakhona. Ngokukwanjalo ke nani ze niyifunde laa leta yaseLawodike.

17. Gqithisani lo myalezo kuArkipo: “Nakanjani na, umsebenzi owawunikwa yiNkosi wenze ngokufezekileyo.”

18. Umbuliso lo ubhalwa ndim mna Pawulos. Khumbulani ukuba ndikhonkxiwe! Ubabalo lukaThixo malube nani.

Kwabasekolose 4