16. Xa seniyifundile le leta yigqithiseleni kwibandla laseLawodike, ifundwe nakhona. Ngokukwanjalo ke nani ze niyifunde laa leta yaseLawodike.
17. Gqithisani lo myalezo kuArkipo: “Nakanjani na, umsebenzi owawunikwa yiNkosi wenze ngokufezekileyo.”
18. Umbuliso lo ubhalwa ndim mna Pawulos. Khumbulani ukuba ndikhonkxiwe! Ubabalo lukaThixo malube nani.