Kwabasekolose 4:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nina basemagunyeni, izicaka zenu ziphatheni kakuhle, ngobulungisa. Ze nikhumbule ukuba nani nineNkosi esezulwini.

2. Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo.

3. Nam nindikhumbule emthandazweni, ukuze uThixo andivulele ithuba lokushumayela, ndivakalise udaba olungoKrestu obelukade lungaziwa mntu. Ndikhonkxiwe nje kaloku yiloo nto.

4. Ze nindithandazele ukuze ndiyithethe icace le mfihlelo, njengoko ndimelwe kukwenjenjalo.

5. Yilumkeleni indlela eniziphatha ngayo phambi kwabo bangakholwayo, nilisebenzise kakuhle ithuba eninalo.

6. Incoko yenu mayisoloko imnandi, inika umdla. Fundani ukucebisana kakuhle nomntu ngamnye enidibana naye.

7. Umwethu oyintanda, uTikiko okholekileyo, umncedi nogxa wam emsebenzini weNkosi, uza kunibalisela ngemeko yam apha.

Kwabasekolose 4