Kwabasekolose 3:17-25 Ibhayibhile (XHO96)

17. Nantoni na ke eniyenzayo, nokuba niyathetha, nokuba niyenza, yenzeleni egameni leNkosi uYesu, nibulela uThixo uYise ngayo.

18. Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kuba yimfanelo yenu yobuKrestu leyo.

19. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi ngqwabalala.

20. Bantwana, bathobeleni abazali benu maxa onke, kuba yeyona nto iyikholisayo iNkosi leyo.

21. Bazali, nina musani ukubacaphukisa abantwana bade bakruquke.

22. Nina zicaka, bathobeleni abaphathi benu balapha emhlabeni kuzo zonke izinto. Thembekani emsebenzini naxa ningajongwanga; ewe, sebenzani ngokungathi nikhonza iNkosi ngenkqu, ningajonge kunconywa ngabantu.

23. Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu.

24. Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.

25. Kodwa yena umenzi wobubi uya kuvuzwa ngokwemisebenzi yakhe emibi; kuba uThixo ugweba wonke ubani engakhethi buso.

Kwabasekolose 3