Kwabasekolose 2:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ndinixelela le nto nje, ndifuna ze ningalahlekiswa bani ngeentetho ezilahlekisayo, nokokuba zivakala kakuhle kangakanani na.

5. Nakuba ndingekho siqu apho, ndikho kodwa ngomoya, ndaye ndivuya kuba ndiyiphawule indlela enimi ngxishi ngayo, ningagungqi ekukholweni kuKrestu.

6. Ngoko ke, njengoko namamkelayo uKrestu Yesu iNkosi, hlalani nimanyene naye.

7. Iingcambu zenu mazendele, nakheke kuye, nomelele ngokomelela elukholweni njengoko nafundiswayo, niphuphume ngumbulelo.

8. Zilumkeleni, ningathatheki iingqondo yimilavuzo engaphethe nto, engasekelwanga ngoKrestu, esekelwe ngezithethe neemfundiso zabantu, nangamagunya alawula ehlabathini.

9. Kuba kaloku ubume bobomi bukaThixo bukho ngokupheleleyo kuKrestu ongumntu;

10. yaye ke nimanywe naye nje, niphiwe ubomi obupheleleyo. Kaloku yena yintloko: liphantsi kwakhe lonke igunya namandla.

11. Nakuba nimanyene naye naluswe ngolwaluko olungelulo olwabantu nje, kodwa olulolukaKrestu: lona kukukhululwa komntu kwigunya lesimo esidala.

Kwabasekolose 2