Kwabasekolose 2:2-6 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ndifuna bahlale bomelele, bemanyene ngothando, ukuze bafikelele ekuqinisekeni ngokupheleleyo ngengqondo, beyiqiqa imfihlelo kaThixo. Loo mfihlelo ke nguKrestu ngenkqu.

3. Nguye uvimba wendyebo kaThixo yobulumko nokuqonda.

4. Ndinixelela le nto nje, ndifuna ze ningalahlekiswa bani ngeentetho ezilahlekisayo, nokokuba zivakala kakuhle kangakanani na.

5. Nakuba ndingekho siqu apho, ndikho kodwa ngomoya, ndaye ndivuya kuba ndiyiphawule indlela enimi ngxishi ngayo, ningagungqi ekukholweni kuKrestu.

6. Ngoko ke, njengoko namamkelayo uKrestu Yesu iNkosi, hlalani nimanyene naye.

Kwabasekolose 2