7. Le nto nayiva ngoEpafra, umncedisi wethu othandekayo, osisicaka esithembekileyo sikaKrestu ngenxa yenu.
8. Nathi ke usibalisele ngothando aniphe lona uMoya.
9. Ngenxa yeso sizathu ke, ukususela mhla seva ngani, asiphezi ukunithandazela. Siyamcela uThixo ukuba aniphe ukuyazi intando yakhe, nibe nabo bonke ubulumko nokuqonda okuvela kuMoya.
10. Ngoko ke niya kuba nako ukuziphatha ngendlela ethandekayo eNkosini, niyikholise ngeendlela zonke. Xa kunjalo ke ubomi benu buya kuqhama ziintlobo-ntlobo zemisebenzi elungileyo, nani nikhule ekumazini uThixo.
11. Wanga anganomeleza ngamandla akhe agqitha ukuqonda, ukuze nibe nako ukunyamezela ninomonde novuyo.
12. Bulelani kuBawo onenze nakufanela ukuba nenxaxheba kwilifa labantu bakhe ebuqaqawulini.
13. Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda,
14. lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.
15. UKrestu yimbonakalo kaThixo ongabanokaliyo;ingqalo nentloko yayo yonke indalo.
16. Iinto zonke zadalwa ngaye,ezulwini nasemhlabeni,ezibonakalayo nezingabonakaliyo.Zonke zivela kuye:ooziphathamandla namatshawe,oozilawuli noomagunya.UThixo walidala ngaye elidalela yena ihlabathi liphela.
17. Iinto zonke zingekabikho, yena wayekho kade.Nto zonke ziyondelelana zilungelelane kuye.
18. Intloko yomzimba olibandla lakhe ikwanguye.Nguye ulibo, owokuqala ukuvuswa ekufeni,khon' ukuze yena abe sisiqalo ezintweni zonke.
19. UThixo uthandile ukuba aphuphume ubuThixo.
20. Yena ngulowo uThixo azixolelanise ngaye nehlabathi liphela;ewe, ngokuphalala kwegazi lakhe emnqamlezweniwazixolelanisa naye zonke izinto ezisezulwini nezisemhlabeni.
21. Benifudula ninxaxhile, kungekho buhlobo phakathi kwenu noThixo, ngenxa yemikhwa emibi enaniyenza, niyicinga nokuyicinga.
22. Kodwa ngoku uThixo udale ubuhlobo phakathi kwakhe nani ngokuphalala kwegazi likaKrestu, ukuze anisondeze ningabantu abanyuliweyo, ningenasiphako, nimsulwa phambi kwakhe.
23. Nani ke yithini ngcembe elukholweni, nimi ngxishi phezu kwesiseko senu, ningagungqiswa nto kwithemba eninalo ngenxa yeendaba ezimnandi. Zezi ndaba kanye ke uThixo andithume ukuba ndizivakalise, ezi zishunyayezwa uwonke-wonke phantsi kwelanga.
24. Kuyandonwabisa ukuhlupheka kwam ngenxa yenu. Kuba ngale ndlela ndithatha inxaxheba ngalo mzimba wam ubuthathaka ngokuzibandakanya neentlungu ezisilindeleyo zikaKrestu, ngenxa yomzimba wakhe, ibandla lakhe ke ukutsho.
25. Ndenziwe umlungiseleli webandla nguThixo ondinike olu xanduva ukuba ndiluthwale ngenxa yenu. Luxanduva lodaba lwakhe ekufuneke ndiluvakalise ngokupheleleyo.
26. Ndivakalisa loo mfihlelo yafihlwa mandulo kwizizukulwana ngezizukulwana. Kodwa ke ngoku ityhilwe kubantu bakaThixo.