Kwabase-Efese 5:14-24 Ibhayibhile (XHO96)

14. kuba kaloku yonke into ecacileyo isekukhanyeni. Yiyo le nto kuthiwa:“Phaphama, thongorhandini, uvuke ekufeni;uKrestu wokukhanyisela.”

15. Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha.

16. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.

17. Musani ukuba zizidenge ke; nina zamani ukuqonda ukuthanda kweNkosi.

18. Musani ukunxila butywala obunonakalisayo. Ndaweni yaloo nto phuphumani nguMoya oyiNgcwele,

19. nincokola ngeendumiso namaculo, neengoma, nivuma iingoma niyidumisa iNkosi ngentliziyo.

20. Bulelani uThixo uBawo wethu imihla ngemihla ngenxa yeento zonke, ngegama leNkosi yethu uYesu Krestu.

21. Thobelanani, niqhutywa kukuba noKrestu nimthobela.

22. Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kanye ngale ndlela niyithobela ngayo iNkosi.

23. Kaloku indoda iyintloko yomfazi, kanye njengokuba noKrestu eyintloko yebandla. Ke yena uKrestu ukwanguMhlanguli walo ibandla elingumzimba wakhe.

24. Ngoko ke abafazi mabawathobele ngokupheleleyo amadoda abo, kanye ngale ndlela ibandla lizinikele ngayo ekuthobeleni uKrestu.

Kwabase-Efese 5