Kwabase-Efese 5:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena.

2. Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.

3. Nanjengoko nilusapho lukaThixo, makungakhankanywa phakathi kwenu ukurheletya nako konke ukungcola nokunyoluka.

4. Izinto ezinjengokuthetha krwada, nokulavuza, neentetho ezingcolileyo, azinto zinifaneleyo konke. Nifanelwe kukuhlala nibulela uThixo nina endaweni yezi zinto.

5. Yiqondeni kakuhle into yokuba akukho mntu urheletyayo, nongcolileyo, nosisinyolunyolu, uya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguKrestu nanguThixo. Kaloku ukunyoluka yenye indlela yokunqula izithixo.

Kwabase-Efese 5