Kwabase-Efese 4:10-22 Ibhayibhile (XHO96)

10. Lowo ke wehlayo usekwangulo kanye wenyukela ngaphaya kwamazulu, khon' ukuze izinto zonke azizalise ngobukho bakhe.

11. Nguye ke lo wababelayo izipho ezizezi abantu: Wabamisela *bangabathunywa abanye, abanye *bangabashumayeli, bangabavakalisi beendaba ezimnandi abanye, abanye bangabelusi nabefundisi.

12. Wabanika ezi zipho zokulungiselela lonke usapho lukaThixo emsebenzini walo, ukuze kwakheke ibandla elingumzimba kaKrestu.

13. Ekugqibeleni ke sonke siya kuba yiloo mbumba yamanyama iqulethwe lukholo lwethu, kwakunye nokwazi kwethu uNyana kaThixo; sibe ngabantu abakhule bagqibelela, silingane noKrestu ogqibeleleyo.

14. Ngoku ke asisengobantwana abafane bakhukuliseke ngamaza, baphephetheke nayiyiphi na imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhetseba.

15. Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.

16. Umzimba wonke uxhomekeke kuye; ilungu ngalinye limanywe namanye kuye. Ngoko ke le mbumba yamanyama ikhuliswa ngumsebenzi welungu ngalinye, izakhe ngothando.

17. Ngoko ke ndiyanibongoza ndinilumkisa egameni leNkosi. Yahlukanani nokuziphatha ngokwabahedeni abangqiqo ziphuthileyo,

18. abangqondo zimfiliba. Abananxaxheba kubomi bukaThixo, kuba basemnyameni ombonde-mbonde, baqaqadekile.

19. Baphelelwe ziintloni, bazilahlele emanyaleni nasekungcoleni, bangooncanyelweni.

20. Kodwa ke nina animfundanga ngolo hlobo uKrestu.

21. Kambe senivile ngaye, ibe ke njengamaKrestu niyifundisiwe inyaniso kaKrestu.

22. Ngoko ke silahleni isimo senu esidala. Besinilahlekisa ngeenkanuko ezingendawo ezinirhuqela ekufeni.

Kwabase-Efese 4