Kwabase-Efese 4:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke mna endingumbanjwa ngenxa yokuba ndisisicaka seNkosi, ndiyanibongoza: ziphatheni ngohlobo olungawuthobiyo umgangatho wendima enamiselwa yona nguThixo mhla wanibiza;

2. nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

3. Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.

4. Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo.

5. INkosi inye, nokholo lunye, nobhaptizo lukwalunye.

6. Kanti ukwamnye noThixo onguYise woluntu luphela, olawula izinto zonke, esebenza ngezinto zonke, ekwakho kwiinto zonke.

7. Umntu ngamnye wabelwe isiphiwo esisodwa ngangobubele bukaKrestu.

Kwabase-Efese 4