Kwabase-Efese 1:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. asenzele sona uThixo ngokusazelelela.

9. Kaloku kwakholeka kuThixo ukusityhilela icebo lakhe athande ukulifezekisa ngoKrestu.

10. Eli cebo lithwasisa ukufezekiswa kwamaxesha ngenjongo yokubandakanya kuKrestu zonke izinto, ezisezulwini nezisemhlabeni.

11. Ngenene sifumene isabelo selifa lethu ngokumanywa noKrestu. UThixo owenza zonke izinto ngokwezigqibo necebo lakhe wasinyulela elo lifa kwantlandlolo.

12. Kuba kaloku yintando yakhe ukuba kuthi ngenxa yethu, thina sathembela kuKrestu kuqala, kuvakaliswe indumiso yesidima sakhe.

13. Nani ke, nimanywe noKrestu nje, nizivile iindaba ezimnandi, ezichaza ngenyaniso yosindiso, nazamkela. Ke ngoko uThixo waniphawula ngoMoya oyiNgcwele owathenjiswayo.

Kwabase-Efese 1