10. Kuba kaloku wayesesesinqeni sika-Abraham, ukudibana kwabo noMelkizedeki.
11. AmaSirayeli ukunikwa kwawo umthetho wawusekelwe ngobubingeleli bakwaLevi. Ke, ukuba ababingeleli babaLevi babegqibelele, ngekungabangakho mfuneko yakuba kuvele mbingeleli wumbi, nokwenza ingumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki, ingelulo oluka-Aron.
12. Ngoko ke ukuguqulwa kobubingeleli kuveze imfuneko yokuba uguqulwe nomthetho.
13. Kaloku uYesu, lo kuthethwa ngaye apha, uphuma kwenye indlu, apho kungekho mntu wakha walungiselela eqongeni lamadini.
14. Iyaqondakala into yokuba iNkosi yethu yeyendlu kaJuda, ibe ke uMosis akazange ayikhankanye le ndlu malunga nobubingeleli.
15. Ngoku lo mcimbi ucaca ngakumbi, kuba kuvele mbingeleli wumbi ungowodidi lukaMelkizedeki.
16. Ububingeleli akabuzuzanga ngokwemigaqo nomthetho wabantu, koko ubufumene ngamandla obomi obungayi kuze bunqanyulwe.