Kumahebhere 11:16-21 Ibhayibhile (XHO96)

16. Koko sibabona benxubele ilizwe elihle – izulu. Yiyo ke loo nto angenazintloni uThixo xa kuthiwa unguThixo wabo; kaloku ubalungiselele isixeko.

17. Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake akuvavanywa nguThixo. Lo Abraham zazenziwe kuye izithembiso, nguye kanye lo wayeselemnikela unyana okwakukuphela kwakhe;

18. lo kanye kwakuthiwe ngaye: “Inzala yakho yokwaziwa ngomlibo kaIsake.”

19. Kaloku uAbraham yena wayeqonda ukuba uThixo unako ukubavusa abafileyo – ngathi ke uThixo wamvusa kwabafileyo noIsake.

20. Ngokholo uIsake walisikelela ikamva looYakobi noEsawu.

21. Ngokholo uYakobi wabasikelela bonke ngabanye, ngaphambi kokuba abhubhe, oonyana bakaJosefu. Wangqiyama ngomsimelelo wakhe, wanqula uThixo.

Kumahebhere 11