Kumahebhere 11:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.

2. Abantu bamandulo bagqwesa ngenxa yokuthembela kwabo kuThixo.

3. Ngokholo siyaqonda ukuba indalo yavela ngelizwi likaThixo, zaza izinto ezibonakalayo zabakho kungekho nto ibonakalayo adala ngayo.

4. Ngokholo lagqwesa kuThixo elika-Abheli idini kunelikaKayin. Ngokholo uAbheli wamkelwa nguThixo waba lilungisa, kuba uThixo ngokwakhe wakholiswa ngumnikelo wakhe. Ngako ukukholwa kwakhe ke, naxa afileyo nje uAbheli, usathetha.

5. Ngokholo uInoki wathwetyulwa engakhange afe. *IziBhalo zithi: “Akazange aziwe bani apho akhoyo, kuba wayethathwe nguThixo.” Futhi ziyangqina iziBhalo ukuba uInoki wamkholisa uThixo ngaphambi kokuba athathwe.

6. Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.

7. Ngokholo uNowa, xa wayexelelwa nguThixo ngezinto ezaziza kuhla, waphulaphula wakha inqanawa, walusindisa usapho lwakhe. Ngokholo lwakhe wabudandalazisa ubugwenxa behlabathi, waza wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokuthembela kwakhe kuye.

8. Ngokholo uAbraham walusabela ubizo lokuya kuma kwilizwe elalithenjiswe nguThixo kuye nakwinzala yakhe. Walishiya elakowabo, engazi nokuba makabheke ngaphi na.

9. Ngokholo wahlala engumphambukeli kwilizwe lesithembiso. Wayehlala ezintenteni. Benjenjalo nooIsake noYakobi abakwaziindlamafa zeso sithembiso.

10. Kaloku wayenxubile elindele elo lizwe liziseko zingagungqiyo, lakhiwe nguThixo.

Kumahebhere 11