Kumahebhere 10:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. UKrestu uthethe ngolu hlobo xa eza emhlabeni:“Wena akuwafuni amadini neminikelo,yiyo loo nto undilungiselele umzimba.

6. Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono;

7. ndaza ndathi ke mna, njengoko kubhaliwe encwadini:‘Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho, Thixo wam.’ ”

8. Qaphela ke kuba uqala ngokuthi: “Wena akuwafuni amadini neminikelo; namadini atshiswayo nawesono akuwathandi,” nakuba egunyaziswa ngumthetho.

Kumahebhere 10