Kumahebhere 10:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kaloku wona umthetho ngumazi wendlela ungayihambi; uzoba umfanekiso nje wezinto zokwenene ezizayo. Ngamadini awo aphindwa-phindwa minyaka le awukwazi ukubenza bafaneleke abo banqulayo.

2. Ukuba ubukwazi, amadini lawo ngekukudala ayekwa. Kaloku abo banqulayo ngebehlanjululwe kwaba kanye qha, baba nyulu, saphela nesazela ngesono.

Kumahebhere 10