Kufilmon 1:9-19 Ibhayibhile (XHO96)

9. kodwa imfobe yothando iyandinyanzela ukuba ndikubongoze. Ewe, mna kanye Pawulos, ndilixhego nje ngoku, futhi ndikwangumbanjwa ngenxa kaYesu Krestu,

10. ndiyakubongoza ngenxa kaOnesimo, unyana wam endimzele ngokomoya, ngoku ndilapha entolongweni.

11. Kambe ebekade engento konke kuwe, kodwa ngoku uxabisekile kuwe nakum.

12. Ngoku ke nanko ndimthumela kwakuwe. Kambe ke xa wamkela yena, wamkela mna.

13. Bendingathandayo ukumgcina apha ngoku ndingumbanjwa, ukuze athathe indawo yakho ekundincediseni ukuvakalisa iindaba ezimnandi.

14. Kodwa andithandi ukuba ndenze nto ungavumanga; hayi, bendiya kuba ndiyakunyanzela ukuba wenze into entle, kungekuba kukholekile kuwe.

15. Mhlawumbi uOnesimo wahlukaniswa nawe okwethutyana, ukuze ubuye umzuze ningasazi kwahlukana.

16. Kaloku ngoku akaselokhoboka nje kuphela, ungaphezu kwekhoboka: ungumwethu othandekayo. Yaz'ba xa exabiseke kangaka nje kum, ubeke phi ke ukuxabiseka kuwe! Akaselokhoboka nje kuphela, ukwangumwethu omanywe neNkosi!

17. Ngoku ke, nanjengamntu undithatha njengesihlobo, naye ke mamkele kwangalaa ndlela ubuya kundamkela ngayo nam.

18. Ukuba ke kukho nto awakona ngayo okanye kukho nto akutyala yona, libalele kum elo tyala.

19. Ukukuqinisekisa ndibhala ngokwam, ndithi: Ndim mna Pawulos oya kukubuyisela. Phofu ke akukho mfuneko yakuba ndikukhumbuze ukuba nawe lowo ungowam, ndinebango kuwe.

Kufilmon 1