14. Kodwa andithandi ukuba ndenze nto ungavumanga; hayi, bendiya kuba ndiyakunyanzela ukuba wenze into entle, kungekuba kukholekile kuwe.
15. Mhlawumbi uOnesimo wahlukaniswa nawe okwethutyana, ukuze ubuye umzuze ningasazi kwahlukana.
16. Kaloku ngoku akaselokhoboka nje kuphela, ungaphezu kwekhoboka: ungumwethu othandekayo. Yaz'ba xa exabiseke kangaka nje kum, ubeke phi ke ukuxabiseka kuwe! Akaselokhoboka nje kuphela, ukwangumwethu omanywe neNkosi!
17. Ngoku ke, nanjengamntu undithatha njengesihlobo, naye ke mamkele kwangalaa ndlela ubuya kundamkela ngayo nam.
18. Ukuba ke kukho nto awakona ngayo okanye kukho nto akutyala yona, libalele kum elo tyala.
19. Ukukuqinisekisa ndibhala ngokwam, ndithi: Ndim mna Pawulos oya kukubuyisela. Phofu ke akukho mfuneko yakuba ndikukhumbuze ukuba nawe lowo ungowam, ndinebango kuwe.
20. Ke, mfondini, ndiyakubongoza – kaloku sobabini simanywe noKrestu. Ngoko ke, velana nam kulo mbandela!
21. Ndibhala ndiqinisekile ukuba uza kuhlangabezana nayo iminqweno yam; ewe, ndiyazi ukuba usenokwenza nangaphezu kwesicelo sam.
22. Nantsi enye indawo: Nceda undilungiselele indawo yokuhlala apho, kuba ndinethemba lokuba uThixo uza kuyiphendula imithandazo yenu, ndibuyele apho kuni.