1. Ndalibona ke iXhwane liqhaqha uphawu lokuqala lwaloo macandelo asixhenxe. Ngokunjalo ndasiva esinye sezilwanyana ezine sithetha ngelizwi elizongomayo, sisithi: “Yiz' apha!”
2. Kwaza kwathi gqi ihashe elimhlophe, ophezu kwalo ephethe utolo. Ke kaloku wathiwa jize ngesithsaba. Waphuma noloyiso, wahamba esenza iziqwenga, kuj' ubugodo konke apho ahamba khona.
3. Lithe iXhwane lakuqhaqha uphawu lwesibini, ndeva isilwanyana sesibini sisithi: “Yiz' apha!”
4. Kwathi gqi elinye ihashe, libomvu ngebala. Lowo wayephezu kwalo wanikwa ilungelo lokugxobha-gxobha inzolo ehlabathini liphela, khon' ukuze abantu bagebengane. Yena ke wanikwa ingxavula yekrele.
5. IXhwane lithe lisakuluqhaqha uphawu lwesithathu, ndeva isilwanyana sesithathu sisithi: “Yiz' apha!” Ndithe ndakukhangela ndabona ihashe elimnyama. Lowo wayekhwele kulo wayephethe isikali sokulinganisa, ngesandla.
6. Kananjalo ndeva isandi esingathi lilizwi, siphuma kweziya zilwanyana zine. Lathetha lathi: “Isitya sengqolowa singangomvuzo wemini enye; izitya ezithathu zamazimba zingangomvuzo wemini enye; kambe ke uze ungadlalisi ngawo amafutha ndawonye newayini.”