1. Ndalibona ke iXhwane liqhaqha uphawu lokuqala lwaloo macandelo asixhenxe. Ngokunjalo ndasiva esinye sezilwanyana ezine sithetha ngelizwi elizongomayo, sisithi: “Yiz' apha!”
2. Kwaza kwathi gqi ihashe elimhlophe, ophezu kwalo ephethe utolo. Ke kaloku wathiwa jize ngesithsaba. Waphuma noloyiso, wahamba esenza iziqwenga, kuj' ubugodo konke apho ahamba khona.
3. Lithe iXhwane lakuqhaqha uphawu lwesibini, ndeva isilwanyana sesibini sisithi: “Yiz' apha!”
4. Kwathi gqi elinye ihashe, libomvu ngebala. Lowo wayephezu kwalo wanikwa ilungelo lokugxobha-gxobha inzolo ehlabathini liphela, khon' ukuze abantu bagebengane. Yena ke wanikwa ingxavula yekrele.
5. IXhwane lithe lisakuluqhaqha uphawu lwesithathu, ndeva isilwanyana sesithathu sisithi: “Yiz' apha!” Ndithe ndakukhangela ndabona ihashe elimnyama. Lowo wayekhwele kulo wayephethe isikali sokulinganisa, ngesandla.