Isityhilelo 22:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Akusayi kubakho busuku khona; kungasayi kubakho mfuneko yasibane nalanga. Kaloku iNkosi uThixo uya kuzikhanyisela. Ziya kuxhamla ulawulo ngonaphakade kanaphakade.

6. Kananjalo sathi kum: “La mazwi ayinyaniso, athembekile. INkosi uThixo obaxhobisayo ngefuthe loMoya abavakalisi belizwi, wathumela isithunywa sakhe ukuze sibonise izicaka zakhe izinto eziza kwenzeka kamsinya.”

7. “Uyabona ke, ndiyeza ngokukhawuleza! Unoyolo umntu owathobelayo amazwi odaba lwale ncwadi!”

8. Ndim mna Yohane ozivileyo wazibona ezi zinto. Ndakuba ndizivile ndazibona ezi zinto, ndawa ezinyaweni zesithunywa eso sandibonisayo, ndikhahlela.

9. Kodwa sakhalima sathi: “Hayi bo! Sukwenjenjalo; kaloku nam ndisisicaka njengawe, ugxa wakho namawenu abavakalisi belizwi, nabo bonke abawathobelayo amazwi akule ncwadi. NguThixo ofanele ukumnqula wena.”

10. Saqhuba sathi: “Uze ungawafihli amazwi ale ncwadi; kaloku ithuba lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango.

11. Ke yena umenzi wobubi makaqhubele phambili, ngokunjalo nongcolileyo makaqhubele phambili; nalowo ulungisayo makathathe unyawo, kanti ke nonyulu makahlale enjalo.

12. “Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!

13. Kaloku ndingu-A, ndikwangu-Z; ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela, ndikwasisiqalo nesiphelo.”

Isityhilelo 22