Isityhilelo 15:4-8 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ngubani obengenakunkwantya aze akubonge wena, Nkosi?Kaloku nguwe wedwa oyingcwele.Zonke iintlanga ziya kunqula ziqubude kuwe,kuba izigqibo zakho ezilungileyo zicacile kubo bonke.”

5. Emva koko ndabona ingcwele yeengcwele, isibingelelo ahlala kuso uThixo, sivuleka ezulwini.

6. Kwaphuma kuso izithunywa ezisixhenxe zezibetho ezisixhenxe, zivathe ezimhlophe zelinen, zibhinqe ngeebhanti zegolide.

7. Esinye sezilwanyana ezine sazinika izithunywa ezisixhenxe izitya zegolide ezalatha ukuba yayiseligcwel' ibhekile yingqumbo kaThixo ohlal' ehleli.

8. *Indlu kaThixo yayiqhuma ilitsili ngumsi wesihomo namandla kaThixo. Akuzange kubekho mntu waba nakungena, zada zaba zigqithile izibetho ezisixhenxe zezithunywa ezisixhenxe.

Isityhilelo 15