Isityhilelo 11:11-14 Ibhayibhile (XHO96)

11. Emva kweentsuku ezintathu ezinesiqingatha uThixo wawaphefumlela la mangqina avuka, baza bonke abayibonileyo loo nto barhwaqela.

12. Kwavakala umkhwazo ophuma ezulwini usithi kuwo: “Nyukani nize apha!” Zathi zisabukele iintshaba zawo, anyukela ezulwini ngelifu.

13. Kanye ngawo loo mzuzu kwabakho inyikima eyoyikekayo, saza isahlulo seshumi sesixeko eso satshabalala. Kwafa abantu abangamawaka asixhenxe. Abaseleyo bangenwa lunkwantyo, baza badumisa ubukhulu boThixo osezulwini.

14. Ngoku lidlule ishwangusha lesibini, kambe ke liyeza elesithathu kamsinya!

Isityhilelo 11