Isityhilelo 1:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ewe, yena usenze ababingeleli basebhotwe ukuze sikhonze uThixo uYise. Mabube kuye ke ubungangamsha nolawulo nanini-nanini! *Amen.

7. Khawukhangele, nanko esiza ekhatshwa ngamafu! Lonke uluntu luya kumbona, nkqu nabo bâmhlabáyo. Ewe, zonke izizwe ziya kungqukruleka zizisola. Injalo ke loo nto! Amen.

8. “Ndim isiqalo nesiphelo,” itsho iNkosi uThixo, uSomandla, uNdikhoyo, owayekho, lowo uya kusoloko ekho.

9. NdinguYohane umwenu onenxaxheba ebunzimeni, kunyamezelo, nasekulawulweni – zinto ezo zisibandakanyayo thina bamanyiweyo noYesu. Ke kaloku ndazibona sendisesiqithini sePatimo ngenxa yokushumayela ilizwi likaThixo nokungqina ngoYesu.

10. Kwathi ngomhla weCawe ndaba semandleni kaMoya, ndaza ndeva ilizwi lihlokoma ngathi lixilongo emva kwam.

11. Lenjenje ukuthetha: “Ezi zinto uzibonayo zibhale encwadini, uzithumele kula mabandla osixhenxe: e-Efese, eSmirna, ePergamo, eTiyatire, eSardes, eFiladelfiya, naseLawodike.”

12. Ndakhangela ngasemva, ndifuna ukuqonda ukuba ngaba lalilelikabani na eli lizwi ndandiliva lithetha nam. Ndithe ndakubheka, ndabona kumi izibane ezisixhenxe zegolide.

13. Phakathi kwazo kwakukho into engathi ngumntu, itsho ngezivatho ezaziye kuthi xhaxhe ezinyaweni, ithe thande ibhanti yegolide esifubeni.

14. Iinwele zayo zazimhlophe okwekhephu, itsho ngamehlo abukhali, alenya okwamadangatye omlilo.

15. Yayineenyawo ezibengezela okobhedu olugudisiweyo, ilizwi layo livakala ngathi sisandi samanzi engxangxasi.

16. Yayiphethe iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesandla sokunene, emlonyeni kuphuma ikrele elibukhali, libazwe macala, ubuso bayo buqaqamba njengelanga mhla ligqats' ubhobhoyi.

Isityhilelo 1