Isityhilelo 1:17-20 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ndithe ke ndakumbona, ndajuba ezinyaweni zakhe, ndanjengofileyo. Ke yena wasibeka phezu kwam isandla sakhe sokunene, wathi: “Musa ukoyika. Mna ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela.

18. Ndingohleliyo. Ndandifile. Kodwa khangela ndim lo ndikho, kuya kude kube nini-nini. Ukufa ndiyakulawula; kwanelabafileyo ndiyalilawula.

19. Ngoko ke zibhale ezo zinto uzibone zisenzeka, kwanezo zenzekayo, neziya kuhla.

20. Nantsi ke ingcaciso yento ethethwa ziinkwenkwezi ezisixhenxe ezisesandleni sam sokunene, kwanezibane ezisixhenxe zegolide: Iinkwenkwezi ezisixhenxe ngabameli bamabandla asixhenxe. Izibane ezisixhenxe zona ngamabandla lawo.”

Isityhilelo 1