Isityhilelo 1:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nasi isityhilelo esaboniswa uYesu Krestu nguThixo. Wasiboniswa khon' ukuze yena abonise izicaka zakhe izinto eziza kuhla kamsinya. Esi sityhilelo uYesu wasithumela ngesithunywa sezulu kwisicaka sakhe uYohane.

2. Yena ke uYohane wayibhala wayixela yonke into awayibonayo. Ngoku ke uchaza udaba lukaThixo olo walutyhilelwa nguYesu Krestu.

3. Unoyolo kambe umntu owafundayo amazwi olu daba, benoyolo nâbo bawaphulaphula bawathathele ingqalelo. Kaloku ixesha lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango.

4. Mna Yohane ndibhalela amabandla asixhenxe akwiphondo laseAsiya, ndisithi: Kuwo makube sisisa noxolo oluvela kuNdikhoyo, lowo wayekho, oya kusoloko ekho; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwakhe ebhotwe;

5. ngokunjalo nakuYesu Krestu, olingqina elithembekileyo, inkulu yâbo bavuka bebefile, nomlawuli wezikumkani zehlabathi. Kaloku yena lowo usithandayo, ngokuphalala kwegazi lakhe, usikhulule ezonweni zethu.

6. Ewe, yena usenze ababingeleli basebhotwe ukuze sikhonze uThixo uYise. Mabube kuye ke ubungangamsha nolawulo nanini-nanini! *Amen.

7. Khawukhangele, nanko esiza ekhatshwa ngamafu! Lonke uluntu luya kumbona, nkqu nabo bâmhlabáyo. Ewe, zonke izizwe ziya kungqukruleka zizisola. Injalo ke loo nto! Amen.

Isityhilelo 1