Iinkokheli 9:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. Akuyiva le nto uYotam waqabela kwintaba iGerizim, wakhwaza wathi: “Inzwi! Ndiphulaphuleni, maShekem! NoThixo mhlawumbi anganiphulaphula!

8. Imithi yazimisela ukuzithambisela ukumkani. Yathetha nomnquma, yathi: ‘Yiba ngukumkani wethu.’

9. Ke wona waphendula wathi: ‘Ngaba nifuna ndiyeke ngoku ukuvelisa amafutha abadunyiswa ngawo uThixo nabantu, khon' ukuze ndiyongamele eminye imithi?’

10. Yaza ke imithi yathetha nomkhiwane, yathi kuwo: ‘Yiza ube ngukumkani wethu.’

11. Ke wona waphendula wathi: ‘Ngaba nifuna ndiyeke ukuvelisa ezi ziqhamo zimnandi kunene, khon' ukuze ndiyongamele eminye imithi?’

12. Yaza ke ngoku imithi yathi kumdiliya: ‘Yiba ngukumkani wethu.’

13. Wona ke wathi: ‘Ngaba nifuna ndiyeke ukuvelisa iwayini le yonwabisa uThixo nabantu, khon' ukuze ndiyongamele eminye imithi?’

14. Ngoku ke imithi yabhekisa kumnga, yathi: ‘Yiba ngukumkani wethu.’

15. Kodwa ke wona wathi: ‘Xa ngaba nizimisele ngenene ukundithambisa ndibe ngukumkani wenu, yizani kuzikhusela emthunzini wam; kungenjalo ke makuvele umlilo kula meva am, uyitshise imisedare yaseLebhanon.’ ”

Iinkokheli 9