9. Kuthi mandityibele ndityondyothele kwezo ngqwayi-ngqwayi zikaSirayeli,ndibong' amatsha-ntliziyo ngokuzilahlela ngokuzinikela.Dumisani uNdikhoyo, nina mafa-nankosi!
10. Nina bakhwel' iidonki ezimhlophe;nina bahlala kwezingayiway' iisali,ngokunjalo nani bahamba ngeenyawo,zinyamekeleni ezi zinto, nicamngce ngazo.
11. Khawuve ke, nal' ugwijo lweemvum' emaquleni!Zibhiyozel' uloyiso lukaNdikhoyo:uloyiso lwabantu bakh' amaSirayeli.Suk' abantu bakaNdikhoyo bangqisha,benjenjeya ukuya emasangweni.
12. Vuka! Khawuvuke, Dibhora!Vuka uhlabele ingoma!Phakathi, Bharaki nyana ka-Abhinowam!Uz' ubuy' urhuq' abathinjwa!
13. Yaza ke yavel' imingqandand' emva kweengqwayi-ngqwayi,abakaNdikhoyo beza kum kunye namagorha.
14. Baphuma kwaEfrayim baya kutsho entilini,ezinyaweni zabo inguBhenjamin namawabo;iingqwayi-ngqwayi zeza ziphuma kwaMakire,zona izithwala-ndwe zivela kwaZebhulon.