2. AmaSirayeli atyeda ngokuzimisela;abantu basukela phezulu ngokuzinikela!Dumisani *uNdikhoyo, nina mafa-nankosi!
3. Inzwi kuni, nina bokumkani!Khanithi cwaka ke nani, matshawe,khe ndidanduluke ngengoma nombongo,khe ndimemelele nditsho ngoncuthu,ndidumis' uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
4. Wena Ndikhoyo, wathi wakuphuma kwaSeyire,mhla wandolos' ushiy' iEdom,suk' umhlaba wanyikima,az' amazulu anyembezana,ke won' amaf' achaphaz' amanzi.
5. Ewe, iintaba zasuka zaqhaqhazelaphay' eSinayi phambi koNdikhoyo;nditsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli!
6. Ngemihla kaShamgare unyana ka-Anati,nditsho ngezo mini zikaJayeli,abahambi banqaba bada banqamka,abantu sebegwegweleza ngezaa ndlela.
7. Emaphandleni kwakukhal' ibhungane,iilali zakwaSirayeli zazingamaphanga,de kwavela mna Dibhora njengesikhukukazi.
8. Suka bathatha thixo bambi,yaz' imfazwe yamrhewula uSirayeli.Kweso sine samawak' amaSirayeli,ikhaka nomkhonto zange ziphakanyiswe.
9. Kuthi mandityibele ndityondyothele kwezo ngqwayi-ngqwayi zikaSirayeli,ndibong' amatsha-ntliziyo ngokuzilahlela ngokuzinikela.Dumisani uNdikhoyo, nina mafa-nankosi!
10. Nina bakhwel' iidonki ezimhlophe;nina bahlala kwezingayiway' iisali,ngokunjalo nani bahamba ngeenyawo,zinyamekeleni ezi zinto, nicamngce ngazo.
11. Khawuve ke, nal' ugwijo lweemvum' emaquleni!Zibhiyozel' uloyiso lukaNdikhoyo:uloyiso lwabantu bakh' amaSirayeli.Suk' abantu bakaNdikhoyo bangqisha,benjenjeya ukuya emasangweni.