17. AmaGiliyadi asala phesheya kweJordan.Ngani na ukuba uDan ashiyeke ezinqanaweni?Yena uAshere wasal' elunxwemeni lolwandle;ewe, walibala ngaselunxwemeni.
18. AmaZebhulon abeke ubomi babo esichengeni;ngokunjalo namaNafetali adela ukufa emaphandleni.
19. ETanaki ngakwintlambo yeMegido,ookumkani bahlangana khona bangquzulana;ewe, izikumkani zamaKanana zalwa,kodwa akukho ntimbo yasiliva zayifumanayo.
20. Iinkwenkwezi esibhakabhakeni, zona zihamba ngendlela yazo,nazo zahlasela, zisilwa noSisera.
21. Ke zona iimpuphuma zeKishon zabakhukulisa;ewe, iKishon umlambo wakudala.Phambili, yomelela, mphefumlo wam!
22. Iinkabi zamahashe zeza ziqakatha zigqabadula,zingqisha zigqekreza ngezo mpuphu!
23. Isithunywa sikaNdikhoyo sithi:“Mayibe lishwangusha kwaMerozi!Mabambathwe lilishwa abemi bayo!Kaloku bazibandezile abamsiza uNdikhoyo;abancedisanga bawadudule amagorha.”
24. Uthamsanqelekile ke yena uJayeli, umfazi kaHebhere umKeni.Yena yimaz' ehlal' ezintenteni.Hay' ithamsanqa lakho, mfazindini!
25. Wath' uSiser' efun' amanzi wamfak' amasi,wamnik' ingqaka ngengayiway' indebe!
26. Wathath' isikhonkwane ngesandla,wee hlas' isando ngesinye;hlifi-i-i wamntlekez' uSisera,wasihloma saphumela kolo khakhayi!
27. Ewe, wambetha wafinyela wafohleka;wamtsho wanaba tswii ezinyaweni zakhe,wawa waqotha-qotheka ezinyaweni zakhe,suka watoshalaza, yaphel' intw' ibithethwa!