10. Nina bakhwel' iidonki ezimhlophe;nina bahlala kwezingayiway' iisali,ngokunjalo nani bahamba ngeenyawo,zinyamekeleni ezi zinto, nicamngce ngazo.
11. Khawuve ke, nal' ugwijo lweemvum' emaquleni!Zibhiyozel' uloyiso lukaNdikhoyo:uloyiso lwabantu bakh' amaSirayeli.Suk' abantu bakaNdikhoyo bangqisha,benjenjeya ukuya emasangweni.
12. Vuka! Khawuvuke, Dibhora!Vuka uhlabele ingoma!Phakathi, Bharaki nyana ka-Abhinowam!Uz' ubuy' urhuq' abathinjwa!
13. Yaza ke yavel' imingqandand' emva kweengqwayi-ngqwayi,abakaNdikhoyo beza kum kunye namagorha.
14. Baphuma kwaEfrayim baya kutsho entilini,ezinyaweni zabo inguBhenjamin namawabo;iingqwayi-ngqwayi zeza ziphuma kwaMakire,zona izithwala-ndwe zivela kwaZebhulon.
15. Amatshawe akwaIsakare eza noDibhora;ewe, uIsakare wema noBharaki,bamlandela baya kutsho entilini.Kambe ke amaRubhen esuka athandabuza;ewe, wona esuka amathidala.
16. Ngani ukuba nisale ezigusheni?Ukuze niv' abelusi bentyontyel' imihlambi?Ewe, amaRubhen asuka athandabuza,ke wona asuka aba mathidala.
17. AmaGiliyadi asala phesheya kweJordan.Ngani na ukuba uDan ashiyeke ezinqanaweni?Yena uAshere wasal' elunxwemeni lolwandle;ewe, walibala ngaselunxwemeni.
18. AmaZebhulon abeke ubomi babo esichengeni;ngokunjalo namaNafetali adela ukufa emaphandleni.