5. Inkundla yakhe yayiphantsi komthi wesundu ekwakusithiwa ngokaDibhora kweleentaba lakwaEfrayim phakathi kweRama neBhetele. Ke wona amaSirayeli ayesiya kuye ukuze awacombululele imicimbi yawo.
6. UDibhora wathumela wabiza uBharaki unyana ka-Abhinowam eKedeshe kwaNafetali. Wathetha naye wathi: “Nanku umyalelo ophuma kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli: Qokelela ishumi lamawaka amadoda kwaNafetali nakwaZebhulon, uhambe nawo uye kwintaba iTabhore.
7. Ke mna ndiya kumenza uSisera, injengele yomkhosi kaJabhin, eze kuwe kumlambo iKishon. Uya kuba exhobile, eneenqwelo namabutho akhe, kodwa ke ndiya kumnikela esandleni sakho.”