Iinkokheli 4:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba engasekho uEhudi amaSirayeli aphinda akreqa *kuNdikhoyo.

2. Ngoko ke uNdikhoyo wawayekela oyiswa nguJabhin, ukumkani wamaKanana owayehlala eHazore. Injengele yomkhosi wakhe yayinguSisera owayehlala eHarosheti-hagoyim.

3. UJabhin lo ke wayenamakhulu alithoba eenqwelo ezenziwe ngentsimbi. AmaSirayeli wawaphatha gadalala isithuba samashumi amabini eminyaka. AmaSirayeli ke asuka azibika kuNdikhoyo.

4. Ke kaloku umshumayelikazi uDibhora umka-Lapidoti waba yinkokheli kwaSirayeli ngelo thuba.

Iinkokheli 4