Iinkokheli 19:9-23 Ibhayibhile (XHO96)

9. Wathi ke umLevi nentombi leyo ngokunjalo nesicaka sebezimisele ukunduluka, uyise wabanqanda, esithi: “Amathunzi anabile, nokuhlwa sekusondele; masenilala. Hlalani nizonwabise, nize ninduluke kusasa ngomso ukugoduka.”

10. Ngesi ke isihlandlo umfo lowo akavumanga ukuphinda alale. Wanduluka, ehamba enezo donki zimbini ezineesali kwakunye nomasihlalisane lowo, waya kugaleleka ngaseJebhusi. (IJebhusi ke yile iyiJerusalem namhla.)

11. Bakusondela eJebhusi imimi yayiselithambekile, saza isicaka sathi enkosini yaso: “Masesihlala apha eJebhusi, silalise khona.”

14. Ngoko ke badlula apho eJebhusi. Kwathi xa lithi ndithenge, bagaleleka eGibheya kummandla wamaBhenjamin.

15. Baphambuka ke endleleni, besiya kulala khona. Bangena ke, baya kutsho ebaleni lembutho, kungekho mntu ubanika indawo yokulala.

16. Bathe beselapho kwathi gqi ixhego, livela emasimini. Lalingumngeneleli apho eGibheya, kodwa inkaba yalo ikweleentaba kwaEfrayim. Phofu ke abantu balapho yayingamaBhenjamin.

17. Lathi ke lakubabona abahambi abo belapho ebaleni lembutho, labuza lathi: “Kuvelwa ngaphi, kusiyiwa phi?”

18. UmLevi uphendule wathi: “Siphuma eBhetelehem kwelakwaJuda. Ukwenjenje oku siyagoduka, siya kummandla othe qelele kweleentaba kwaEfrayim. Kambe ke akukho mntu usinika ndawo yakulala.

19. Sinako ukutya kweedonki zethu, ngokunjalo mna sicaka sakho kunye nesicakakazi sakho nomfana ohamba nathi sinaso isonka newayini. Hayi, asixakekanga kwelo cala.”

20. Ixhego ke lathi: “Namkelekile kwam; aninakude nilale apha phandle. Yizani; ndiza kunilungiselela.”

21. Lagoduka nabo ke, lazityisa iidonki zabo. Bahlamba iinyawo, baza batya basela.

22. Kwathi besonwabile apho, kwafika iindlavini ezithile, zayirhawula indlu leyo, zabetha ucango, zabhekisa kumnini-ndlu lowo zisithi: “Mkhuphe loo mfo umngenise endlwini yakho. Sifuna ukulala naye.”

23. Kambe ke umninimzi waphuma, wathetha nazo, wathi: “Hayi, mawethu, ndiyanibongoza, sanukulenza elo nyala; lundwendwe lwam olu!

Iinkokheli 19