5. Ezo zikhuni wazintumeka ngomlilo, wazikhulula iimpungutye, zabalekela emasimini anengqolowa amaFilistiya. Ngale ndlela ke kwatsha izipha zengqolowa eseyivuniwe ngokunjalo neyayingekavunwa. Yatsha nemiyezo yediliya nomnquma.
6. Athe amaFilistiya akubuzisa esithi: “Ngubani owenze le nto?” afumanisa kusithiwa: “NguSamson; ucatshukiswe ngumkhwe wakhe, umfo waseTimna, ngokusuka anikezele umkakhe kumhlobo wakhe.” Ngoko ke amaFilistiya asuka amtshisa loo mfo nentombi leyo.
7. USamson wathi ke kuwo: “Oo! Niqhuba ngolu hlobo? Inene, ndiza kunithi chu ndide ndiziphindezele!”
8. Wawahlasela, wawabetha wawatshayela. Emva koko waya kuhlala emqolombeni e-Etam.
9. AmaFilistiya axhoba ada aya kumisa kwaJuda, ahlasela iLerhi.
10. Ke amadoda akwaJuda abuza athi: “Kutheni le nto nize kusihlasela?”AmaFilistiya aphendula athi: “Size kubamba uSamson; sifuna ukumvisa le nto asivise yona nathi.”
11. Kwaphuma amawaka amathathu amadoda apho kwaJuda, aya emqolombeni e-Etam, afika athetha noSamson, athi: “Ungathini ukusenza into enje? Akuyazi into yokuba siphantsi kwamaFilistiya?”Ke yena wathi: “Hayi, mna ndiwavise le nto ebendivise yona nawo.”
12. Ke wona athi: “Size kukukhonkxa, ukuze sikuse kumaFilistiya.”USamson wathi: “Fungani ukuba anizi kundilimaza ngokwenu.”