Iinkokheli 14:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uSamson wehla waya eTimna, waza ke apho wabona enye yeentombi zamaFilistiya.

2. Akugoduka wathi kuyise nonina: “Ndibone intombi yomFilistiya eTimna; ke ndithatheleni yona ibe ngumfazi wam.”

3. Uyise nonina bathi: “Ngani ukuba ude uye kuthatha umfazi kumaFilistiya angalukiyo? Bekungasekho zintombi na apha phakathi kwamawethu?”Kambe ke uSamson wathi: “Ndithatheleni yona, kuba ikuphela kwentombi endifaneleyo.”

4. Uyise nonina babengaqondi ukuba le nto inomnwe kaThixo; kaloku uThixo wayefuna isizathu sokulwa namaFilistiya. Ngelo thuba kaloku amaSirayeli ayephantsi kwamaFilistiya.

5. USamson wahamba noyise nonina, baya eTimna. Ngasezidiliyeni zaseTimna ke uSamson wabona igatyana lengonyama ligquma lisiza ngakuye.

6. Suka ke yena wambeswa amandla nguMoya *kaNdikhoyo, waza ke waliqwenga ngathi uqwenga itakane lebhokhwe. Kambe ke akabaxelelanga abazali bakhe ngale nto.

7. Wahamba ke uSamson, waya kuthetha nentombi leyo, yaza ke yamkholisa.

Iinkokheli 14