27. Hayi bo, andikhange ndikwenze nto mna! Nguwe onxaxhayo ngokundihlasela. UNdikhoyo uMgwebi makagwebe ngokwakhe namhlanje phakathi kwamaSirayeli nama-Amon.’ ”
28. Kambe ke ukumkani wama-Amon zange alukhathalele olu daba lukaJefta.
29. Ke uJefta wafikelwa nguMoya kaNdikhoyo. Wanqumla iGiliyadi nommandla wakwaManase, waya kutsho eMizpa eGiliyadi, waza ke waphuma apho waya kuhlasela ama-Amon.
30. UJefta wabhambathisa kuNdikhoyo wathi: “Ukuba ngenene uwanikele kum ama-Amon,
31. into yokuqala ephume endlwini yam yandihlangabeza xa ndibuya sekuluxolo iya kuba yekaNdikhoyo; ndiya kuyenza idini elitshiswayo.”
32. Ngoko ke waphuma uJefta, waya kulwa nama-Amon, waza ke uNdikhoyo wawanikela esandleni sakhe.
33. Wawavuthulula ukusuka eAruri ukuya eMiniti; yaba ngamashumi amabini ezixeko ukuya kutsho eAbhele-keramin. USirayeli wawangenela kwajub' ugodo, oyisakala ama-Amon.
34. UJefta xa abuyayo esiya kufika emzini wakhe eMizpa, yaphuma intombi yakhe, yamhlangabeza ingqiyaza, ihamba ingqungqa, idlala intambula. Yayingumntwana okukuphela kwakhe, engenanyana nantombi ngaphandle kwakhe.
35. Wathi ke akuyibona wakhathazeka, waziqwenga iimpahla zakhe. Wadanduluka wathi: “Awu, mntwan' am! Ngani ukuba undenjenje ukundixhela! Nguwe ngoku isizekabani sentlungu yam? Ewe, ndifungile ndamthembisa *uNdikhoyo, ngoko ke andinakubuya ngamva!”
36. Yathi ke yona kuyise: “Hayi, tata, xa ubumthembisile uNdikhoyo ndenze loo nto ubumthembise ukuba uya kuyenza ngam; kaloku yena ukuphumelelisile wakuphindezela ezintshabeni zakho ama-Amon.”
37. Ke yona yacela kuyise yathi: “Kambe ke, tata, ndicela le nto yodwa: Khawundiyeke iinyanga zibe mbini, khon' ukuze ndikhe ndibhadule nabalingane bam ezintabeni, ndiyizilele into yokuba ndiza kuhlala ndiyintombi.”
38. Wavuma ke uyise, yaza ke yona yemka iinyanga zambini. Yahamba nezinye iintombi ezingabalingane bayo ibhadula ezintabeni, yazilela ubuntombi bayo.
39. Zakuphela iinyanga ezimbini yabuyela kuyise, waza ke yena wenza ngokwesibhambathiso sakhe kuNdikhoyo. Ngoko ke yahlala iyintombi nto.Saqala kanjalo ke esi sithethe sakwaSirayeli
40. sokuba minyaka le iintombi zithathe iintsuku ezine zizilele intombi kaJefta waseGiliyadi.