21. Kodwa ke uNdikhoyo uThixo wamaSirayeli wamnikela ezandleni zamaSirayeli uSihon nomkhosi wakhe wonke. Ngoko ke amaSirayeli awuthimba wonke umhlaba wama-Amori awayehlala kuloo mmandla;
22. ewe, wonke loo mhlaba wama-Amori, ukusuka ezantsi eAnoni ukuya kutsho phezulu eJabhoki, ngokunjalo nokusuka empuma entlango ukuya kuthi xhaxhe ngeJordan entshonalanga.
23. Ngoko ke nguNdikhoyo uThixo wamaSirayeli owawagxothayo ama-Amori, khon' ukuze kungene abantu bakhe amaSirayeli. Ngaba uzama ukuwohlutha kuthi ke ngoku?
24. Hlala wena naloo ndawo akunike yona uKemoshi uthixo wakho. Ke thina siza kuhlala kule siyinikwe nguNdikhoyo uThixo wethu.
25. Ngaba wena ungcono kunoBhalaki unyana kaZipora, ukumkani waseMowabhi? Andithi yena zange acele mngeni kuSirayeli! Wakha walwa nathi kakade?
26. Ngamakhulu amathathu eminyaka uSirayeli emi eHeshbhon naseAruri nakwiidolophu ezikuloo mmandla, ngokunjalo nakwizixeko eziphezu komlambo iAnoni. Ubukade uwuyekeleni lo mhlaba?
27. Hayi bo, andikhange ndikwenze nto mna! Nguwe onxaxhayo ngokundihlasela. UNdikhoyo uMgwebi makagwebe ngokwakhe namhlanje phakathi kwamaSirayeli nama-Amon.’ ”
28. Kambe ke ukumkani wama-Amon zange alukhathalele olu daba lukaJefta.
29. Ke uJefta wafikelwa nguMoya kaNdikhoyo. Wanqumla iGiliyadi nommandla wakwaManase, waya kutsho eMizpa eGiliyadi, waza ke waphuma apho waya kuhlasela ama-Amon.
30. UJefta wabhambathisa kuNdikhoyo wathi: “Ukuba ngenene uwanikele kum ama-Amon,
31. into yokuqala ephume endlwini yam yandihlangabeza xa ndibuya sekuluxolo iya kuba yekaNdikhoyo; ndiya kuyenza idini elitshiswayo.”
32. Ngoko ke waphuma uJefta, waya kulwa nama-Amon, waza ke uNdikhoyo wawanikela esandleni sakhe.
33. Wawavuthulula ukusuka eAruri ukuya eMiniti; yaba ngamashumi amabini ezixeko ukuya kutsho eAbhele-keramin. USirayeli wawangenela kwajub' ugodo, oyisakala ama-Amon.
34. UJefta xa abuyayo esiya kufika emzini wakhe eMizpa, yaphuma intombi yakhe, yamhlangabeza ingqiyaza, ihamba ingqungqa, idlala intambula. Yayingumntwana okukuphela kwakhe, engenanyana nantombi ngaphandle kwakhe.
35. Wathi ke akuyibona wakhathazeka, waziqwenga iimpahla zakhe. Wadanduluka wathi: “Awu, mntwan' am! Ngani ukuba undenjenje ukundixhela! Nguwe ngoku isizekabani sentlungu yam? Ewe, ndifungile ndamthembisa *uNdikhoyo, ngoko ke andinakubuya ngamva!”
36. Yathi ke yona kuyise: “Hayi, tata, xa ubumthembisile uNdikhoyo ndenze loo nto ubumthembise ukuba uya kuyenza ngam; kaloku yena ukuphumelelisile wakuphindezela ezintshabeni zakho ama-Amon.”