1. Akuba engasekho uYoshuwa, amaSirayeli abuzisa *kuNdikhoyo, athi: “Ngubani onokusikhokela ukuya kuhlasela amaKanana?”
2. Ke yena waphendula wathi: “Mayibe nguJuda; ndiwunikele esandleni sakhe loo mhlaba.”
3. Ke indlu kaJuda yathi kumawabo amaSimon: “Sincediseni xa silwa namaKanana ukuzuza isabelo sethu somhlaba, khon' ukuze nathi sinincedise xa nilwela esenu isabelo.” Ngoko ke ahamba nendlu kaJuda amaSimon.
18-19. *UNdikhoyo wayinceda indlu kaJuda, yawuthatha umhlaba okweleentaba. Phofu abakwaJuda zange babe nako ukubagxotha abantu ababemi kwintili egudle ulwandle, kuba babeneenqwelo ezenziwe ngentsimbi. Izixeko zabo ibiyiGaza, iAshkelon, ne-Ekron, zinemimandla yazo.
22-23. Abendlu kaJosefu bahlasela iBhetele, ekwakusithiwa yiLuzi ngaloo maxesha. *UNdikhoyo wabanceda. Bathumela iintlola apho esixekweni,