1. Hay' ubuhle nokuthandeka komzi wakho,*Ndikhoyo onamandla onke.
2. Umphefumlo wam uzele lulangazelelo;ewe, ulangazelela inkundla yakwakho, Ndikhoyo.Ndiyamemelela ndicula ngochulumacho,ndidumisa uThixo ophilayo.
3. Namasomi azakhela iindlwana zawo khona;kwaneenkonjane zifumana ikhaya khona.Amathole azo ziwagcina *esibingelelweni sakho,Ndikhoyo onamandla onke, wena kumkani noThixo wam.
4. Hay' ithamsanqa lâbo bahlala endlwini yakho,abasoloko bentyiloza bememelela bebonga wena.
5. Hay' ithamsanqa labantu abaxhotyiswa nguwe,abasoloko belangazelela ukuya eZiyon.