Iindumiso 84:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Hay' ubuhle nokuthandeka komzi wakho,*Ndikhoyo onamandla onke.

2. Umphefumlo wam uzele lulangazelelo;ewe, ulangazelela inkundla yakwakho, Ndikhoyo.Ndiyamemelela ndicula ngochulumacho,ndidumisa uThixo ophilayo.

3. Namasomi azakhela iindlwana zawo khona;kwaneenkonjane zifumana ikhaya khona.Amathole azo ziwagcina *esibingelelweni sakho,Ndikhoyo onamandla onke, wena kumkani noThixo wam.

4. Hay' ithamsanqa lâbo bahlala endlwini yakho,abasoloko bentyiloza bememelela bebonga wena.

Iindumiso 84