46. Izilimo zabo wazithumela ngesihlava,isivuno sabhuqwa ziinkumbi.
47. Idiliya yabo wayivuthulula ngesiphango,ke wona amakhiwane wawarhawula ngeqabaka.
48. Iinkomo zabo wazintlitha ngesichotho,imihlambi yabo yalenywa yimibane.
49. Wasuka ke wavutha umsindo wakhe,wayivulela ingqumbo yakhe ecaphukile,wababandezela ngolunya,umkhosi wezithunywa wabatshabalalisa.
50. Zange abe sazibamba, wawuvulela umsindo wakhe,akabasindisa ekufeni;ewe, wasuka wabathumela ngobhubhani.
51. Wawathi qwaka onke amazibulo amaJiputa,wabageqa abaligugu neqhayiya lakwaHam.
52. Kanti ke wabakhokela njengeegusha abantu bakhe,entlango wabalusa ngathi ngumhlambi.
53. Wabalondoloza batsho baphelelwa ngamaxhala,kambe ke ulwandle lwaziginya iintshaba zabo.