7. Mazibizwe zonke izizwe zikungqonge,ungqendeve esihlalweni sakho phezu kwazo.
8. NguNdikhoyo umgwebi wabo bonk' abantu.Ligwebe ityala lam ke, Ndikhoyo,bucace ubulungisa bam, kucace ukuba ndimsulwa.
9. Phelisa inkohlakalo yabantw' abagwenxa,uwazimase amalungisa, wena Thixo othand' ukulunga,ogocagoca iintliziyo neengcinga zabantu.
10. Likhaka lam uThixo,uyabakhusela abantw' abathand' ukulunga.