15. Ewe, mandingantywiliselwa ngumsinga;mandingarhaxwa kwisiziba esimnyama;mandingaginywa yinzonzobila.
16. Hayi ubuhle bezibele zakho!Ndikhoyo, ndivelele undiphendule;ewe, ngokobuninzi beenceba zakho ndive!
17. Musa ukusifulathela isicaka sakho.Ndibandezelekile; nceda undiphendule.
18. Sondela undisindise;ndikhulule ezintshabeni zam.
19. Uyayazi indlela endingcikivwa ngayo;uyazi ukuba andinto yanto, ndihlazekile;uyazazi zonke iintshaba zam.
20. Izinyeliso ziwaphule umoya wam;kungokunje ndivikivekile.Ndathemba ukukhuzwa, kodwa nya!Nokuthuthuzelwa andakufumana.
21. Ndaweni yokutya ndanikwa ityhefu;endaweni yamanzi yaba yiviniga.
22. Mabenzakaliswe kwakukutya kwabo,amatheko abo abe ngumgibe kubo.
23. Mabamfanyekiswe bangaboni;umzimba wabo mawutyhutyhwe lidumbe.
24. Mabagutyungelwe yingqumbo yakho;mabatshiswe ngumsindo wakho.
25. Mawube linxuwa umzi wabo,makungahlali nabani kuwo,
26. kuba bayamtshutshisa ombethileyo,baphoxise ngaye omenzakalisileyo.
27. Bancine ngesona sohlwayo;mabaphoswe yinceba yakho.
28. Mabacinywe kwincwadi yoludwe lwabaphilayo,mabangadweliswa namalungisa.
29. Kambe ke ndiyajwaqeka yintlungu;ndonyule undisindise, Thixo.
30. Ndiya kumemelela ndibonge uThixo;ndiya kumncoma ndidomboze.
31. Lo ke wona umbulelo ubalasele;ungaphezulu kokubulela ngethole kuNdikhoyo,uyidlula lee inkunzi yenkomo.
32. Ke bona abahlelelekileyo baya kuvuya;abamlangazelelayo uThixo bokhuthazeka.
33. Kaloku uNdikhoyo uyabeva abahlelelekileyo;akabacekisi abakhe ababanjiweyo.
34. Dandulukani, mazulu nani hlabathi, nimbonge,nani zilwandle nako konke okushukumayo kuni!