12. Bancokola ngam ezimbuthweni;sendide ndayingoma yamanxila.
13. Kambe ke, Ndikhoyo, mna ndiyakuthandaza.Ngeli xesha lifanelekileyo, Thixo,nangenxa yendyebo yezibele zothando lwakho,khawuncede undiphendule.Ngenxa yokuthembeka kwakho ndihlangule;naku sendizika eludakeni.
14. Ndisindise ezintshabeni zam;ndikhuphe emanzini anzongonzongo.
15. Ewe, mandingantywiliselwa ngumsinga;mandingarhaxwa kwisiziba esimnyama;mandingaginywa yinzonzobila.
16. Hayi ubuhle bezibele zakho!Ndikhoyo, ndivelele undiphendule;ewe, ngokobuninzi beenceba zakho ndive!
17. Musa ukusifulathela isicaka sakho.Ndibandezelekile; nceda undiphendule.
18. Sondela undisindise;ndikhulule ezintshabeni zam.
19. Uyayazi indlela endingcikivwa ngayo;uyazi ukuba andinto yanto, ndihlazekile;uyazazi zonke iintshaba zam.
20. Izinyeliso ziwaphule umoya wam;kungokunje ndivikivekile.Ndathemba ukukhuzwa, kodwa nya!Nokuthuthuzelwa andakufumana.
21. Ndaweni yokutya ndanikwa ityhefu;endaweni yamanzi yaba yiviniga.
22. Mabenzakaliswe kwakukutya kwabo,amatheko abo abe ngumgibe kubo.
23. Mabamfanyekiswe bangaboni;umzimba wabo mawutyhutyhwe lidumbe.